4. Ndiya kuzidiliza izixeko zakho, kutsho kube senxuweni. Uya kuqonda ke ukuba ndinguNdikhoyo.
5. “Ngenxa yokuba ubambe ubutshaba obudala, amaSirayeli wawayekela atyakatywa ngekrele ngexesha lawo lentlekele, apho isohlwayo sawo sasifikelele encotsheni,
6. ndikho nje ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, ndiza kukunikezela kwabakusukelayo bazingise ukuliphalaza igazi lakho. Kaloku wena awukuthiyanga ukuphalazwa kwegazi, ke ngoko impalalo-gazi iya kuhlala ikusukela.
7. Ndiya kuyenza intaba yaseSeyire ibe yinkangala, ndibathintele abo bafuna ukuma kuyo.
8. Iintaba zakho ndiya kuzenza zizale zizidumbu zabagwintiweyo; izidumbu zabatyakatywe ngekrele ziya kuzalisa iinduli zakho, neentlambo zakho, neengxingwa zakho.
9. Ndiya kukwenza ube yinkangala ngonaphakade; izixeko zakho zilil' ibhungane. Uya kuqonda ke ukuba mna ndinguNdikhoyo.
10. “Kaloku uthe: ‘Zozibini ezi zizwe, nawo omabini la mazwe, siza kuwathatha abe ngawethu.’ Loo nto uyithethe nakuba mna Ndikhoyo ndandikho.