1. Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
2. “Mntundini, bhekisa kwintaba iSeyire, uyikhalimele,
3. uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nawe, ntaba yaseSeyire, ndaye ndiza kukufika ngesandla, ndikutsho ube yinkangala yentlango.
4. Ndiya kuzidiliza izixeko zakho, kutsho kube senxuweni. Uya kuqonda ke ukuba ndinguNdikhoyo.
5. “Ngenxa yokuba ubambe ubutshaba obudala, amaSirayeli wawayekela atyakatywa ngekrele ngexesha lawo lentlekele, apho isohlwayo sawo sasifikelele encotsheni,