31. Abantu bam bayeza kuwe ngokwabantu bakaThixo, bafike bahlale phambi kwakho, baphulaphule loo nto uyithethayo, kodwa abenzi nto ngayo. Banenzondelelo ngomlomo, kodwa iintliziyo zabo ziyila ubuqhophololo.
32. Enyanisweni wena kubo unjengomntu ocula iingoma zothando ngelizwi elimyoli, nodlala isikhalisi kamnandi, kuba bayaweva amazwi akho, kodwa abenzi lutho ngawo.
33. “Zakuzaliseka zonke ezi zinto (njengokuba kuza kuba njalo) baya kuqonda ukuba bekukho *umshumayeli phakathi kwabo.”