Uhezekile 32:24-32 Ibhayibhile (XHO96)

24. “Ilapho iElam; ingcwaba layo lirhangqwe zizihlwele zayo. Bonke batyakatywe ngekrele. Bonke abatyala ivuso elizweni labaphilayo baye kulala ngaphantsi komhlaba kunye nabangalukanga. Bathwele ihlazo kunye nâbo behlayo bengena kwelabafileyo.

25. IElam yenzelwe umandlalo phakathi kwezidumbu zababuleweyo, ingcwaba layo lirhangqwe zizihlwele zayo. Bonke bafe ngekrele bengalukanga. Ngenxa yevuso labo kwilizwe labaphilayo balithwele ihlazo kunye nâbo bahlela kwelabafileyo. Balele nababuleweyo.

26. “Balapho ooMesheki nooTubhali; amangcwaba abo angqongwe zizihlwele zabo. Bonke abolukanga, batyakatywe ngekrele kuba ilizwe labaphilayo bebeliphethele ngoqhushululu.

27. Balele ndawonye namanye amajoni angalukanga angcwatywe kunye nezikhali zawo zokulwa, enze ngazo umqamelo. Isohlwayo sezono zawo naso emathanjeni abo. Kaloku ivuso lawo laligqiba lonke ilizwe labaphilayo.

28. “Nawe nkqu, kumkani waseJiputa, uza kunqanyulwa ungcwatywe nabangalukanga, ababulewe ngekrele.

29. “Ilapho iEdom, iikumkani neenkosana zayo; nakuba zingamakroti zilele nâbo bafe ngekrele. Bangcwatywe ndawonye nabangalukanga, abo bahlele kwelabafileyo.

30. “Zilapho iinkosana zasentla nawo onke amaSidon; awe kunye nabatyakatyelwe ehlazweni, nakuba ubunganga babo bubabanga ivuso. Balele apho bengalukanga, kunye nâbo bafe ngekrele; bathwele ihlazo labo kunye nâbo bahlele kwelabafileyo.

31. “Ukumkani waseJiputa uya kubabona, aze axole ngenxa yomkhosi wakhe wonke owatyakatywa ngekrele, itsho iNkosi uNdikhoyo.

32. Nakuba ndamenza wadala uloyiko ezweni labaphilayo ukumkani waseJiputa nezihlwele zakhe baya kuhlala engcwabeni kunye nabangalukanga, abo babulewe ngekrele, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

Uhezekile 32