1. Wathi: “Mntundini, yitye le nto uyifumeneyo, nditsho le ncwadi isongwayo, wandule uhambe uye kuthetha nendlu kaSirayeli.”
2. Ndawuvula ke umlomo, wandinika incwadi esongwayo khon' ukuze ndiyitye.
3. Waza wathi kum: “Mntundini, yitye le ncwadi ndikunika yona, uzalise umbilini wakho.” Nam ke ndayitya, yatsho yanencasa njengobusi emlonyeni wam.
4. Waza wathi kum: “Mntundini, hamba uye kwindlu kaSirayeli, uthethe amazwi am kubo.
5. Andikuthumi kubantu abantetho ingavakaliyo nabalwimi lunzima ukululandela, kodwa ndikuthuma kwindlu kaSirayeli.
6. Ewe, andikuthumi ezintlangeni, zona zintetho ingavakaliyo nezilwimi lungalandelekiyo, ongasuka ungàyiva into eziyithethayo. Ngokwenene ukuba bendikuthume kuzo beziya kukuphulaphula.
7. Kodwa indlu kaSirayeli ayivumi kuphulaphula, kuba ayifuni kundimamela. Kaloku yonke indlu kaSirayeli ilukhuni, inenkani.
8. Nawe ndiza kukwenza ube nenkani, ube lukhuni njengabo.
9. Ewe, ndiza kukwenza ube lukhuni njengelona litye lilukhuni; ube lukhuni ngaphezu kwelitye lenyengane. Musa ukoyika, ungòthuswa zizoyikiso zabo; kaloku bayindlu yabavukeli.”