Uhezekile 28:4-16 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ubulumko bakho nolwazi lwakho lukwenze waba nobutyebi;oovimba bakho bazele yigolide nesiliva.

5. Ubuchule bakho ngorhwebo bukwenze wasisityebi,yaza loo nto yakubangela ikratshi.

6. “Ke ngoko ithi iNkosi uNdikhoyo:“Ngenxa yokuba uzicingela ukuba unguthixo,

7. ndiza kukuthumela ngabasemzini,ezona zizwe zinoburhalarhume.Ziya kubugqutha-gqutha ngekrele ubuhle nobulumko bakho,zibuxabhele ubuqaqawuli bakho.

8. Ziya kukutshonisa emhadini.Apho enzonzobileni yolwandle uya kubulawa ngezikhali.

9. Uya kuba satsho ukuthi: ‘Ndinguthixo,’xa sewuhlangene nâbo bakubulalayo?Uya kuba ngumntu, ungabi nguthixo,xa usezandleni zabakugwintayo.

10. Uya kufa njengodelekileyo,sewuphethwe ngabasemzini.“Nditshilo nje, nditshilo,itsho iNkosi uNdikhoyo.”

11. Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

12. “Mntundini, yitsho isililo ngokumkani waseTire, uthi kuye: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Ubungumzekelo wemfezeko,usisilumko, ufezekile ngobuhle.

13. UbuseIdeni, isitiya sikaThixo.Ubuhombe ngawo onke amatye anqabileyo:irubhi, itopazi, ne-emeraldi;ikrisolite, ionirhe, nejaspa,isafire, itekoyisi, nebherile.Ebegqagqele egolideni;alungiswa kwamhla wadalwa.

14. Wathanjiswa *okwesithunywa esimaphiko esilondolozayo,kuba ndakumisela njalo.Ubuhleli entabeni eyodwa kaThixo;ubuhamba-hamba phakathi kwamatye abomvu ngumlilo.

15. Ukususela kumhla wadalwa wawunesimo esisulungekileyo,suka waba lixhoba lenkohlakalo.

16. Urhwebo lwakho olugqibe lonke ilizwelwakwenza waba sisikrelemnqa wada wona.Ke mna ndakugxotha entabeni kaThixo,waza wahlazeka.Ewe, ndakugxotha, wena sithunywa esimaphiko,wemka kuloo matye abomvu ngumlilo.

Uhezekile 28