Uhezekile 28:2-14 Ibhayibhile (XHO96)

2. “Mntundini, yithi kumlawuli waseTire: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Ikratshi lakho litsho uthi: ‘Ndinguthixo;ndihlala esikhundleni soothixo enzonzobileni yolwandle.’Kodwa ungumntu, akungothixo,nokuba wena uzicingela ukuba unguthixo.

3. Ngaba ulumke ngaphezu koDaneli?Akukho nto ifihlakeleyo kuwe?

4. Ubulumko bakho nolwazi lwakho lukwenze waba nobutyebi;oovimba bakho bazele yigolide nesiliva.

5. Ubuchule bakho ngorhwebo bukwenze wasisityebi,yaza loo nto yakubangela ikratshi.

6. “Ke ngoko ithi iNkosi uNdikhoyo:“Ngenxa yokuba uzicingela ukuba unguthixo,

7. ndiza kukuthumela ngabasemzini,ezona zizwe zinoburhalarhume.Ziya kubugqutha-gqutha ngekrele ubuhle nobulumko bakho,zibuxabhele ubuqaqawuli bakho.

8. Ziya kukutshonisa emhadini.Apho enzonzobileni yolwandle uya kubulawa ngezikhali.

9. Uya kuba satsho ukuthi: ‘Ndinguthixo,’xa sewuhlangene nâbo bakubulalayo?Uya kuba ngumntu, ungabi nguthixo,xa usezandleni zabakugwintayo.

10. Uya kufa njengodelekileyo,sewuphethwe ngabasemzini.“Nditshilo nje, nditshilo,itsho iNkosi uNdikhoyo.”

11. Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

12. “Mntundini, yitsho isililo ngokumkani waseTire, uthi kuye: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Ubungumzekelo wemfezeko,usisilumko, ufezekile ngobuhle.

13. UbuseIdeni, isitiya sikaThixo.Ubuhombe ngawo onke amatye anqabileyo:irubhi, itopazi, ne-emeraldi;ikrisolite, ionirhe, nejaspa,isafire, itekoyisi, nebherile.Ebegqagqele egolideni;alungiswa kwamhla wadalwa.

14. Wathanjiswa *okwesithunywa esimaphiko esilondolozayo,kuba ndakumisela njalo.Ubuhleli entabeni eyodwa kaThixo;ubuhamba-hamba phakathi kwamatye abomvu ngumlilo.

Uhezekile 28