27. Ubutyebi bakho,impahla orhweba ngayo,oomatiloshe neencutshe zolwandle,namagcisa okuvala iintanda,abarhwebi namajoni akho,nabo bonke abangaphakathi,baya kuzika enzonzobileni yolwandle mhla waqhekeka.
28. Ziya kunxunguphala izizwe ezima ngaselunxwemeni,zisothuswa sisijwili soomatiloshe bakho.
29. Bonke abagwexi baya kusaba enqanaweni;oomatiloshe namachule eenqanawe baya kuma bhuxe elunxwemeni.
30. Baya kukhala ngezwi elikhulu,besenza isijwili esikrakra ngenxa yakho.Intloko yabo baya kuyigalela uthuli,baziqika-qike eluthuthwini.
31. Ngenxa yakho baya kucheba iinwele zabo,banxibe irhonya.Baya kukulilela ngomoya owonakeleyo,bazile bekrakra.
32. Baya kwenza isijwili,bazile ngenxa yakho.Baya kwenza isililo ngawe, bathi:‘Ngubani na owakhe wathuliswa njengeTire emi elwandle?’
33. Wawuzanelisa izizwe ezininzi ngexesha owawurhweba phesheya kolwandle;ubutyebi bakho, nempahla yakho yatsho zatyeba iikumkani zehlabathi.
34. Ngokunje lukuqhekezile ulwandle, usenzonzobileni yamanzi;impahla yakho namahlakani akho bazike kunye nawe.
35. Bonke abemi bonxweme ubothusile;iikumkani ziyathuthumela, zitsho zaxweba kukoyika.
36. Abarhwebi bezizwe bayakunyevulela;usuke waba sisoyikiso, watsho ngesiphelo esibi.”