Uhezekile 24:4-11 Ibhayibhile (XHO96)

4. Sikelela inyama, uyigalele kuyo,iindawo ezikhethiweyo zona zomlenze nomkhono.Mayizale ngawona-wona mathambo,

5. eyona-yona mpahla isebuhlanti.Yibasele kakhulu imbiza yakho;de ibile,avuthwe namathambo akuyo.“Kuba itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:

6. “Yeha sixeko sabagwinti,esiyintshela namhla embizeni;akuyi kubhungca nesuntswana!Iya kuphakwa ngezidungulwana,kungenziwanga maqashiso ngazo.

7. Kuba igazi awaliphalazayo liyakhala.Kaloku waliphalazela etyeni,akaliphalazelanga emhlabeniapho beliya kutshona eluthulini.

8. Ngenxa yokuxhokonxwa komsindo nempindezeloigazi lakhe ndoliphalazela etyeni,khon' ukuze lingafihlakali.

9. “Ngako oko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi:“Yeha, sixekondini segazi!Nam ndiza kufumba iinkuni!

10. Fumba iinkuni,uphembe eziko,uwubase umlilo,uyiphekisise inyama,uyigalele izinongo,uyipheke ade atshe amathambo.

11. Ndiya kuyibasela eziko imbiza ingasenanto,itshe ibe bomvu ngumlilo,ukuze kunyibilike izothe layonentshela itshe iphele.

Uhezekile 24