17. Uze ungqukruleke nje, kodwa ungamzileli lowo ufileyo. Uze uwuthwale umnqwazi wakho, neembadada zakho ungazikhululi, ungazigqumi iindevu zakho, ungakutyi ukutya kwesiqhelo komntu ozilileyo.”
18. Kusasa ke ndathetha nabantu, yaza inkosikazi yam yasweleka ngokuhlwa. Ngentsasa elandelayo ndenza ngokomyalelo.
19. Baza abantu bandibuza bathi: “Khawusixelele, thina singena phi apha?”
20. Ndaza ndathi kubo: “Ndive ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
21. Xelela indlu kaSirayeli uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kusixabhela isibingelelo sam – inqaba yenu yeqhayiya, leyo ithi kuni: ‘Ndijonge,’ into eniyithanda kunene. Oonyana neentombi zenu enizishiyileyo ziza kubulawa ngekrele.
22. Niya kuxelisa mna: aniyi kuzigquma iindevu zenu, ningayi kukutya nokutya kwabazili njengesiqhelo.
23. Niya kuhlala niyithwele iminqwazi yenu, neembadada nosoloko nizinxibile. Aniyi kuzila, aniyi kulila, kodwa nosuka niye niphela ngokuphela emzimbeni ngenxa yesono senu; niya kungqukruleka nje kuphela.