16. “Mntundini, ngesithonga nje esinye ndiza kukuhlutha lowo umthanda kunene. Maze ungakhali, okanye wenze isililo, okanye ube nyembezana.
17. Uze ungqukruleke nje, kodwa ungamzileli lowo ufileyo. Uze uwuthwale umnqwazi wakho, neembadada zakho ungazikhululi, ungazigqumi iindevu zakho, ungakutyi ukutya kwesiqhelo komntu ozilileyo.”
18. Kusasa ke ndathetha nabantu, yaza inkosikazi yam yasweleka ngokuhlwa. Ngentsasa elandelayo ndenza ngokomyalelo.
19. Baza abantu bandibuza bathi: “Khawusixelele, thina singena phi apha?”
20. Ndaza ndathi kubo: “Ndive ilizwi likaNdikhoyo lisithi: