Uhezekile 23:44-48 Ibhayibhile (XHO96)

44. Balala naye ke. Ngokwamadoda elala nehenyukazi balala nazo ezo zifebe zabafazi uOhola no-Oholibha.

45. Kodwa wona amadoda angamalungisa aya kubohlwaya ngesohlwayo sabafazi abakrexezayo nabaphalaza igazi, kuba bengabakrexezi abazandla zibomvu ligazi.”

46. Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: “Babizele imbizo barhwaqeliswe baphangwe.

47. Imbizo iya kubaxuluba ngamatye, ibatyakatye ngamakrele; iya kubulala oonyana neentombi zabo, itshise izindlu zabo.

48. “Ndiya kwenjenjalo ukuphelisa ubufebe kweli lizwe, khon' ukuze bonke abafazi balulekwe, bangahambi ekhondweni lenu.

Uhezekile 23