Uhezekile 23:27-36 Ibhayibhile (XHO96)

27. Ndiya kuphelisa ubufebe nobuhenyukazi owabuqala eJiputa. Uza kuyeka ukuzilangazelela ezo nto, uyilibale neJiputa.

28. “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kukunikezela kwabo ubathiyileyo, abo ubafulathele kuba benezothe.

29-30. Baza kuyikhuphela kuwe intiyo yabo, bazihluthe izinto ozibileleyo. Baya kukushiya uze, ihlazo lobuhenyukazi lakho litshiswe lilanga. Konke oku kungenxa yobufebe namanyala akho, kuba kaloku unqwenele ezinye iintlanga waza wazigqwalisa ngezithixo zazo.

31. Ulandele ikhondo lodade wenu; ngako oko uza kurhabula kwindebe yakhe.

32. “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Uya kurhabula kwindebe yodade wenu enomthamo omkhulu;iya kukuzisela ukuphoxeka, kuba ithwele lukhulu.

33. Uya kunxila kube lusiziyindebe yokuphalala nembubho,indebe yodade wenu uSamariya.

34. Uya kuyisela uyifince;uya kuyicumza ibe ziingceba,uwaphale amabele akho.Ndithethile, itsho iNgangalala uNdikhoyo.

35. “Ngoko ke itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Kuba usuke wandilibala, wandifulathela, uza kusithwala isono sokufeba nobuhenyukazi bakho.”

36. Wathi kum uNdikhoyo: “Mntundini, bagwebe oo-Ohola no-Oholibha! Baxelele ngezenzo zabo ezibi,

Uhezekile 23