8. “Bandivukela, bala ukundiphulaphula, abayilahla imifanekiso enezothe ababezimisele kuyo, abazilahla izithixo zaseJiputa. Ndatsho ke ukuthi ndiya kuyikhuphela kubo ingqumbo yam; baya kuwuva umsindo wam eJiputa.
9. Kodwa ngenxa yegama lam ndenza ngako konke ukuba lingabandakanywa nokungendawo zizizwe abahlala phakathi kwazo nendizityhile phambi kwazo kumaSirayeli xa ndandiwakhupha eJiputa.
10. Ndawakhupha ke eJiputa, ndaza ndawazisa entlango.
11. Ndawanika imimiselo yam, ndawabekela nemithetho yam, ngokuba umntu oyithobelayo uya kudla ubomi ngayo.
12. Ndada ndawamisela *iMihla yam yokuPhumla njengomqondiso phakathi kwam nawo, ukuze azi ukuba mna Ndikhoyo ndiwenze abantu ababodwa.
13. “Kodwa kuko konke oku abantu bakwaSirayeli bandivukela entlango, bayityeshela imimiselo yam, bayilahla imithetho yam – nakuba lowo uyithobelayo eya kudla ubomi ngenxa yayoNqulo 18:5 – bayinyelisa kwaphela iMihla yam yokuPhumla. Ndatsho ukuthi ndiya kuyikhuphela kubo ingqumbo yam, ndibatshabalalise entlango.
14. Kodwa ngenxa yegama lam ndenza ngako konke ukuba lingenyeliswa emehlweni ezizwe abahlala phakathi kwazo nezandibona xa ndadibakhupha.
15. Kwakhona ndafunga entlango ndisithi andiyi kubasa kwilizwe endabanika lona, ilizwe eliphuphuma ubisi nobusi, ilizwe elilibhongo emazweni,
16. kuba bayilahla imithetho yam, baza bayityeshela imimiselo yam, bayinyelisa iMihla yam yokuPhumla. Kaloku babethe swii zizithixo zabo.
17. Kodwa ke noko ndaba nenceba kubo, ndaza andabatshabalalisa baphelele entlango.
18. Entlango ndithe kubantwana babo: ‘Maze ningahambi ngemimiselo yooyihlo, okanye nithobele imithetho yabo, nizigqwalise ngezithixo zabo.
19. Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu; yenzani ngokwemimiselo yam, niyithobele imithetho yam ngononelelo.
20. Yigcineni iyodwa iMila yam yokuPhumla, ukuze ibe ngumqondiso phakathi kwam nani. Kwakuba njalo niya kwazi ukuba mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu.’
21. “Kodwa nabo abantwana bandivukela, bayityeshela imimiselo yam, baza abayigcina imithetho, nakuba umntu oyithobelayo aya kudla ubomi ngayo, bayinyelisa iMihla yam yokuPhumla. Ngako oko ndathi ndiya kuyikhuphela kubo ingqumbo yam, uphelele kubo umsindo wam entlango apho.
22. “Kodwa ke noko ndazibamba ngenxa yegama lam, ndenza ngako konke endinako ukuba linganyeliswa ezintlangeni abahleli phakathi kwazo nezandibonayo xa ndandibakhupha.
23. Ndaza ke entlango apho ndafunga kubo ndiphakamise isibhozo ukuba ndiya kubacitha-chitha babe ziimbacu emazweni,
24. kuba kaloku abayithobelanga imithetho yam, bayilahla nemimiselo yam, bayinyelisa neMihla yam yokuPhumla, balangazelela izithixo zooyise.