20. Yigcineni iyodwa iMila yam yokuPhumla, ukuze ibe ngumqondiso phakathi kwam nani. Kwakuba njalo niya kwazi ukuba mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu.’
21. “Kodwa nabo abantwana bandivukela, bayityeshela imimiselo yam, baza abayigcina imithetho, nakuba umntu oyithobelayo aya kudla ubomi ngayo, bayinyelisa iMihla yam yokuPhumla. Ngako oko ndathi ndiya kuyikhuphela kubo ingqumbo yam, uphelele kubo umsindo wam entlango apho.
22. “Kodwa ke noko ndazibamba ngenxa yegama lam, ndenza ngako konke endinako ukuba linganyeliswa ezintlangeni abahleli phakathi kwazo nezandibonayo xa ndandibakhupha.
23. Ndaza ke entlango apho ndafunga kubo ndiphakamise isibhozo ukuba ndiya kubacitha-chitha babe ziimbacu emazweni,
24. kuba kaloku abayithobelanga imithetho yam, bayilahla nemimiselo yam, bayinyelisa neMihla yam yokuPhumla, balangazelela izithixo zooyise.
25. Ndabayeka bahamba ngemimiselo engeyiyo, bathobela nemithetho abangenakudla ubomi ngayo;
26. ndabayeka bazigqwalisa ngeminikelo yabo – idini lezibulo – khon' ukuze batsho barhwaqele, ze bandazi mna ukuba ndinguNdikhoyo.
27. “Ngoko ke, mntundini, thetha nabantu bakwaSirayeli, uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ooyihlo bandinyelisa ngokungathembeki.
28. “Ndathi ndakufika nabo kumhlaba endandifungile ukuba ndiya kubanika wona, bona baba ngábona induli ephakamileyo okanye umthi oqhamileyo, basuka benza amadini neminikelo, into eyandixhokonxayo, bade banikela nangeziqhumiso ezivumba limnandi nangezinto ezithululwayo.
29. Ndabuza ndathi kubo: ‘Sisiphi esi sibingelelo niquqela kuso?’ ” (Nanamhla oku kuthiwa sisibingelelo.Okanye “indawo ephakamileyo yonqulo”)
30. “Ke ngoko yithi kwindlu kaSirayeli: Itsho iNgangalala *uNdikhoyo ukuthi: Ngaba niza kuzigqwalisa nixele ooyihlo, nilangazelela *izithixo ezinezothe?
31. Xa ninikezela izipho zenu – idini elingoonyana benu emlilweni – niyazigqwalisa nangoku ngezithixo zenu. Ke, mzi kaSirayeli, nithi mandiniyeke nibuzise kum? Ndiyafunga, mna Nkosi Ndikhoyo, andisokuze ndiyivume loo nto.