Uhezekile 2:6-10 Ibhayibhile (XHO96)

6. Wena ke, mntundini, uze ungaboyiki, neentetho zabo ungazoyiki. Maze ungoyiki naxa uphakathi korhalajana nobobo. Naxa sewuhlala nabanjengoonomadudwane uze ungoyikiswa zizinto abazithethayo nazizigrogriso zabo, kuba basisizwe esinenkani.

7. Uze uluxele udaba lwam kubo nokuba bayakuphulaphula okanye abaphulaphuli, kuba kaloku bangabavukeli.

8. Wena ke, mntundini, phulaphula endikuxelela kona. Ungandivukeli uxele esi sizwe sabavukeli; vula umlomo wakho, utye endikunika kona.”

9. Ndathi ndakujonga ndabona isandla solulelwe ngakum. Sasiphethe incwadi esongwayo,

10. saza ke sayicombulula phambi kwam. Macala omabini kwakubhalwe amazwi asisikhalo nesijwili nesingqala.

Uhezekile 2