Uhezekile 16:11-25 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ndakuhombisa ngamatye anqabileyo, ndakufaka izacholo ezingalweni nentsimbi yomqala entanyeni yakho.

12. Ndaza ndakufaka amacici empumlweni nasezindlebeni zakho, ndakuthwalisa isithsaba esihle entloko.

13. Ewe, wawuhombe ngegolide nesiliva; izinxibo zakho zizezelinen ecikiziweyo nelaphu lexabiso elihonjisiweyo. Ukutya kwakho ibingowona mgubo ucoliweyo, nobusi, namafutha omnquma. Waba mhle kakhulu ngokungathi ungukumkanikazi.

14. Udumo lwakho lwaba ngundaba-mlonyeni ezizweni ngenxa yobuhle bakho, kuba ubuqheleqhele endikunike bona babenza babalasela ubuhle bakho, itsho iNkosi uNdikhoyo.

15. “Wasuka wathembela kubuhle bakho, lwaza udumo lwakho lwakwenza walihenyukazi. Waba lukhuko lwabahambi, baza ubuhle bakho bangobabo.

16. Enye impahla yakho wenza ngayo isibingelelo sokunqula izithixo apho waqhuba khona izenzo zobuhenyukazi. Azenziwa ezo zinto, kungekho mfuneko yokuba zenzeke.

17. Izihombiso zam endandikunike zona, zegolide nesiliva yam, wasuka wenza ngazo *izithixo ezingamadoda, wahenyuza nawo.

18. Wazambathisa ngezinxibo zakho ezihonjisiweyo, wanikezela kuzo ngamafutha neziqhumiso zam.

19. Kwanokutya endandikunike kona – owona mgubo ucoliweyo, amafutha omnquma, nobusi – wakwenza umnikelo ovumba limnandi kuzo. Ewe, kwenzeka oku, itsho iNkosi uNdikhoyo.

20. “Wathatha oonyana neentombi zakho obundizalele zona, wenza ngazo idini lokutya kwezithixo. Bebunganele na ubuhenyukazi bakho?

21. Wabaxhela abantwana bam, wenza idini lezithixo ngabo.

22. Kuzo zonke izenzo zakho ezinezothe nobuhenyukazi bakho akuzikhumbulanga iimini zobutsha bakho xa wawuze ukhaba-khaba egazini lakho.

23. “Yeha! Yeha, wena! Itsho iNgangalala iNkosi uNdikhoyo. Ngaphezu kwayo yonke inkohlakalo yakho

24. uzakhele ingqumba yamatye, waza wenza isibingelelo kuzo zonke iindawo eziphangaleleyo esixekweni.

25. Ekungeneni kwesitalato ngasinye wakhe isibingelelo sakho, waza ngokwenjenjalo wabugqwalisa ubuhle bakho ngokunikezela ngomzimba wakho nakubani na odlula ngendlela.

Uhezekile 16