Uhezekile 15:4-8 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ukuba lubasiwe lwavutha macala, lwarhawuka umongo, ngaba kusekho lutho lungenziwa ngalo?

5. Xa belingenamsebenzi liselukhuni kubeka phi ke ngoku xa lurhawukile?

6. “Ngako oko itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Kwimithi yehlathi ukhuni lwediliya ndilumisele ukuba lubaswe. Kuya kuba njalo nakubemi baseJerusalem.

7. Ndiya kubachasa. Naxa sebephuma emlilweni basaya kutsha ngumlilo kwakhona. Xa sendibachasa baya kwazi ukuba ndinguNdikhoyo.

8. Ndiya kuwubharhisa umhlaba kuba bengathembekanga, itsho iNkosi uNdikhoyo.”

Uhezekile 15