Uhezekile 14:20-23 Ibhayibhile (XHO96)

20. Ngokwenene ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, nokuba babelapho, ooNowa, noDaniyeli, noYobi, bebengenakuyisindisa nentsapho yabo. Bebeya kuzisindisa bona bodwa ngenxa yobulungisa babo.

21. “Kaloku itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: IJerusalem ndingayigweba ndiyithumele ngezibetho ezine, ezona zibi – imfazwe, nendlala, namarhamncwa, nobhubhani – ndibulale abemi bayo kunye nemfuyo yabo.

22. Naxa kunjalo baya kubakho abasindayo – oonyana neentombi abaya kubhunca esixekweni. Baya kuphuma beze kuni, niyibone imikhwa yabo nezenzo zabo, nize nizibonele ngokwenu isizathu sokuba iJerusalem ndiyithumele ngentlekele – nditsho yonke intlekele endiyizisele yona.

23. Ewe, niya kuzibonela ngokwenu, nixole yakubonakala kuni imikhwa yabo nezenzo zabo, niqonde ukuba andifumananga ndakwenza konke endakwenzayo kwiJerusalem, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

Uhezekile 14