Uhezekile 12:20-25 Ibhayibhile (XHO96)

20. Izixeko ezinabantu ziya kuba ngamabhodlo, lize ilizwe libe sebugxwayibeni. Noqonda ngoko ukuba ndinguNdikhoyo.’ ”

21. Ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi:

22. “Mntundini, andibi kukho iqhalo kwaSirayeli elithi: ‘Ziyahamba zona iintsuku, wona umbono ungaphumi ntweni’?

23. Yithi ke kubo: ‘Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kuliphelisa eli qhalo, ukuze lingabuye livakale kwaSirayeli.’ Yithi kubo: ‘Sezisondele iintsuku zokuba yonke imibono izalisekiswe.

24. Kaloku iza kuphela imibono elambathayo nokuhlatywa kwemihlola engento apha kwaSirayeli.

25. Mna Ndikhoyo ndiza kuthetha endikuthethayo, kuze kuzaliseke ngokukhawuleza. Ithi iNgangalala enguNdikhoyo: Konke endikuthethayo phambi kwenu kozalisekiswa ngemihla yenu, ndlundini inenkani.’ ”

Uhezekile 12