20. Izixeko ezinabantu ziya kuba ngamabhodlo, lize ilizwe libe sebugxwayibeni. Noqonda ngoko ukuba ndinguNdikhoyo.’ ”
21. Ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi:
22. “Mntundini, andibi kukho iqhalo kwaSirayeli elithi: ‘Ziyahamba zona iintsuku, wona umbono ungaphumi ntweni’?
23. Yithi ke kubo: ‘Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kuliphelisa eli qhalo, ukuze lingabuye livakale kwaSirayeli.’ Yithi kubo: ‘Sezisondele iintsuku zokuba yonke imibono izalisekiswe.
24. Kaloku iza kuphela imibono elambathayo nokuhlatywa kwemihlola engento apha kwaSirayeli.
25. Mna Ndikhoyo ndiza kuthetha endikuthethayo, kuze kuzaliseke ngokukhawuleza. Ithi iNgangalala enguNdikhoyo: Konke endikuthethayo phambi kwenu kozalisekiswa ngemihla yenu, ndlundini inenkani.’ ”