14. Ke uHagayi waphendula wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ekuboneni kwam bakwanjalo aba bantu kwakunye nolu hlanga. Ewe, unjalo wonke umsebenzi wezandla zabo, nento abanikela ngayo khona apho inomlaza.’ ”
15. “ ‘Ke ngoku kugqaleni okwakusenzeka kwimihla edlulileyo xa beningekaqalisi ukubeka ilitye phezu kwelitye nisakha indlu kaNdikhoyo.
16. Kaloku benisiya kwisitha sengqolowa nilindele isivuno esingamashumi amabini, nisuke nizuze ishumi elinye kuphela. Benisiya esixovululweni sewayini nilindele ukuzuza imilinganiselo emashumi mahlanu, kodwa nizuze amashumi amabini kuphela.
17. Wonke umsebenzi wezandla zenu ndawubetha ngerusi, nesihumba, nesichotho, kodwa noko akubangakho namnye kuni ubuyela kum,’ utsho uNdikhoyo.
18. ‘Gqalani ke ukususela namhlanje kulo mhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yethoba, suku olo zigqitywe ngalo iziseko zendlu kaThixo. Ze niqwalasele ke niyibone into eza kwenzeka.
19. Ngaba isekho imbewu eseleyo koovimba? Kude kube ngoku izidiliya zenu, namakhiwane enu, ngokunjalo nemirharnati kunye neminquma yenu, ibingathwali ziqhamo, kodwa ke ukusukela namhlanje ndiza kunithamsanqela.’ ”
20. Ilizwi *likaNdikhoyo laphinda lafika kuHagayi isihlandlo sesibini ngosuku lwamashumi amabini anesine lwaloo nyanga, lisithi:
21. “Thetha kuZerubhabheli irhuluneli yakwaJuda, uthi: ‘Ndiza kulinyikimisa izulu nehlabathi,
22. ndibakhiqe ookumkani kwizihlalo zabo, ndiwaphelise amagunya ezikumkani zeentlanga, ndizibhukuqe iinqwelo zokulwa nababhexeshi bazo, kuwe amahashe nabakhwele kuwo, elowo awe likrele lomtakwabo.
23. Ngaloo mini,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke, ‘ndiya kukuthabatha wena mkhonzi wam Zerubhabheli, nyana kaShelatiyeli,’ utsho uNdikhoyo, ‘ndikwenze ube ngumsesane wophawu lwam, kuba ndikunyule,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.”