1. Ngomhla wamashumi amabini ananye ngenyanga yesixhenxe ilizwi *likaNdikhoyo lafika *kumshumayeli uHagayi lisithi:
2. “Thetha kunyana kaShelatiyeli uZerubhabheli irhuluneli yakwaJuda, nakunyana kaYozadaki uYeshuwa umbingeleli omkhulu, nasebantwini bonke abaseleyo, uthi:
3. ‘Ngubani na kuni osaseleyo owabubonayo ubunewu-newu bale ndlu mandulo? Ngoku ikhangeleka njani kuni? Xa niyithelekisa naleya ayikhangeleki ingeyonto?
4. Kodwa ke yomelela, Zerubhabheli,’ utsho uNdikhoyo. ‘Yomelela, mbingeleli omkhulu Yeshuwa, nyana kaYozadaki. Kaloku mna ndinani,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.
5. ‘Ekuphumeni kwenu eJiputa ndanqophisa ukuba ndiya kuhlala ndinani. Ke uMoya wam usenani; musani ukoyika.’