8. Khaninyuke ezintabeni, nize nemithi, niyakhe indlu yam. Ndokholiswa yiyo, ndize ndizimaseke,’ utsho uNdikhoyo.
9. ‘Benilindele lukhulu, kodwa suka nazuz' intwan' encinci! Nithe nakuza nayo ekhaya, ndayivuthela yee shwaka! Ngani ke?’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. ‘Kungenxa yendlu yam, yona le ilinxuwa, nibe nina elowo exakeke yeyakhe indlu.
10. Kungenxa yenu ke ngoko ukuba izulu liwubambe umbethe walo, nomhlaba utsho ungavelisi nto.
11. Ke ndinizisele imbalela emasimini, emadlelweni, kwingqolowa, kwiwayini, namafutha omnquma, nayo nayiphi na into eveliswa ngumhlaba. Ikho ezinkomeni, nasebantwini, nakuwo wonke umsebenzi wezandla zenu.’ ”
12. Ke kaloku uZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, nombingeleli omkhulu uYeshuwa unyana kaYozadaki, nabo bonke abantu abangamasalela, bawuthobela bawenza umyalelo *kaNdikhoyo uThixo wabo, ngokwamazwi *omshumayeli uHagayi.
13. Ke uHagayi, isigidimi sikaNdikhoyo, waluthetha udaba lukaNdikhoyo ebantwini, wathi: “Ndiya kuba nani.”