3. Ke ilizwi likaNdikhoyo lafika kumshumayeli uHagayi lisithi:
4. “Ngani ukuba nina nihlale ezindlwini ezifanelekileyo, kodwa yona indlu yam ibe ilinxuwa?
5. Ke ngoko utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Zigqaleni iindlela zenu.
6. Nihlwayela kakhulu, kodwa nivune kancinane; ewe, niyadla, kodwa ningahluthi; niyasela, kodwa ninganeli; niyambatha, kodwa ningafudumali; niyaphangela, kodwa umvuzo wenu ube ngathi ufakwe engxoweni evuzayo.’