Uhagayi 1:12-15 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ke kaloku uZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, nombingeleli omkhulu uYeshuwa unyana kaYozadaki, nabo bonke abantu abangamasalela, bawuthobela bawenza umyalelo *kaNdikhoyo uThixo wabo, ngokwamazwi *omshumayeli uHagayi.

13. Ke uHagayi, isigidimi sikaNdikhoyo, waluthetha udaba lukaNdikhoyo ebantwini, wathi: “Ndiya kuba nani.”

14. Ke uNdikhoyo wawuvuselela umoya werhuluneli uZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, nowombingeleli omkhulu uYeshuwa unyana kaYozadaki, nowabo bonke abantu abangamasalela, beza ke bawuqalisa umsebenzi wokwakhiwa kwendlu kaNdikhoyo onamandla onke uThixo wabo

15. ngomhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yesithandathu ngonyaka wesibini wolawulo lukakumkani uDariyo.

Uhagayi 1