Uhabhakuki 3:17-19 Ibhayibhile (XHO96)

17. Noba ungade ungadubuli umkhiwane,umdiliya ungabi nazo neziqhamo,nokuba awungevelisi nto umnquma,namasimi ngokwawo angabi nasivuno,zingade zingabikho iigusha esibayeni,nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,

18. ewe, khona kungade kube njalo,kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.

19. Amandla am nguMhlekazi uNdikhoyo;uzenza iinyawo zam zibe njengezenxala;ngaye ndihamba kweziphezulu iindawo.Kumbhexeshi-kwayala; ngezikhalisi ezineentambo.

Uhabhakuki 3