1. Ndophuma ndime emboniselweni yam,ndothi ngxishi phaya enqabeni,ndibonisele ndive oko akuthethayo kum,nempendulo yakhe kwisimangalo sam.
2. *UNdikhoyo undiphendule esithi:“Wubhale lo mbono –wukrole ngokucacileyo emacwecweni,ube nokufundwa nangogqitha ebaleka.
3. Lo mbono ubhekiselele kwixesha elimisiweyo,kwaye uxhinele ixesha lesiphelo,ibe ke awuyi kuphosisa.Noba ngathi uyalibazisa, wulindele;ewe, uya kufika ngokuqinisekileyo ungenakuthintelwa nto.
4. “Uyabona, lowo ukhukhumeleyo unentliziyo embi enxaxhileyo;ke yena olilungisa wophila ngokuthembeka kwakhe.
5. Yona iwayini iyakhohlisa;umntu imenza azidle angazinzi.Sisinyolu-nyolu esikhamise njengengcwaba,nqwa nokufa soze ahluthe,nokuba uzihlanganisela kuye zonke iintlanga,azibuthele kuye izizwe zonke.
6. “Abazi kuphoxisa ngaye kodwa,bahlekise ngaye bemenza isigculelo,besithi: ‘Mawoo ke, maqokelel' okungekuko okwakho,wena ozityebisa ngokuphanga impahla ekubanjiswe ngayo!Yaz'ba koda kube nini na kunje?’
7. Abanamatyala kuwe bosuka bakuvukele ngequbuliso;bokujikela bakutsho ungcangcazele,ibe nguwe kanye lowo uphangwayo.
8. Kaloku uxhaphaze izizwe ezininzi;wena ke woxhatshazwa ngamasalela azo.Kaloku uliphalazile igazi lomntu;ewe, uyitshabalisile imihlaba,wabhuq' iidolophu nabemi bazo.
9. “Mawoo kowakha umzi ngenzuzo yobuqhophololo,ayimise indlu yakhe kwiindawo eziphezuluukuze asinde nakweyiphi inkxwaleko.
10. Uzifuthele imbubho izizwe ezininzi,nkqu nendlu yakho wayigalela ngehlazo,wabeka ubomi bakho esichengeni.