1. Kamva ke, ngethuba lolawulo lukakumkani wasePeshiya uAtashasta, kwagaleleka uEzra, ephuma eBhabheli. UEzra lo wayengunyana kaSeraya, ka-Azariya, kaHilekiya,
2. kaShalum, kaZadoki, ka-Ahitubhi,
3. ka-Amariya, ka-Azariya, kaMerayoti,
4. kaZeraya, kaUzi, kaBhuki,
5. ka-Abhishuwa, kaPineyasi, kaElazare unyana wombingeleli omkhulu uAron.
6. Ke yena uEzra lo owagalelekayo ephuma eBhabheli, wayengumchazi-mthetho ochubekileyo kwezomthetho kaMosis, mthetho lowo wakhutshwa *nguNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Ke kaloku ukumkani wayemnike konke awayekufuna, kuba isandla sikaNdikhoyo, uThixo wakhe, sasiphezu kwakhe.