1. Ke iintshaba zikaJuda noBhenjamin zithe zakuva ukuba abo babuyileyo ekuthinjweni nâbo besakha indlu *kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli,
2. zasuka zeza kuZerubhabheli neenkulu zezindlu, zathi kubo: “Nathi sifuna ukunincedisa ekwakheni, kuba nathi kwanjengani siyamlangazelela lo Thixo wenu. Nangoku sasoloko simenzela amadini, kusukela kwixesha likakumkani waseAsiriya uEsaradon, lo wasizisa apha.”
3. Ke uZerubhabheli noYeshuwa neenkulu zezindlu zikaSirayeli baphendula bathi: “Aninalo ilungelo lokwakhela uThixo wethu indlu. Sithi sodwa abaza kuyakha le ndlu kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, ngokomyalelo kakumkani uKoreshi wasePeshiya.”
4. Zasuka ke ezo ntlanga zazibangqongile zabatyhafisa abantu bakwaJuda, zabenza boyika ukuwuqhuba umsebenzi wokwakha.