Uezra 2:48-67 Ibhayibhile (XHO96)

48. uRezin, uNekoda, uGazam,

49. u-Uza, uPaseya, uBhesayi,

50. uAsna, uMewunim, uNefusim,

51. uBhakebhuki, uHakufa, uHarure,

52. uBhazeluti, uMehida, uHasha,

53. uBhakose, uSisera, uTama,

54. uNeziya, noHatifa

55. Inzala yezicaka zikaSolomon: inzala kaSotayi, uSoferete, uPeruda,

56. uYala, uDakon, uGidele,

57. uShefatiya, uHatili, uPokerete-zebhayim, noAmi

58. Izicaka zendlu kaThixo nenzala yezicaka zikaSolomon 392

59. Aba balandelayo babesuka kwiidolophu zaseTele-mela, eTele-hasha, eKerubhi, eAdan, naseImere; kambe ke ababanga nako ukuluvelisa uludwe lwemilibo yezindlu zabo kwaSirayeli:

60. inzala kaDelaya nekaTobhiya nekaNekoda 652

61. Ke kwinzala yababingeleli: inzala kaHabhaya, uHakozi, noBhazilayi (umfo owayethathe intombi kaBhazilayi umGiliyadi waza wabizwa ngaloo mlibo)

62. Aba ke balukhangela uludwe lwemilibo yezindlu zakomawabo, kodwa ke zange balufumane, ngoko ke zange babandakanywe nobubingeleli, koko bathathwa *njengabanomlaza.

63. Ke umlawuli wayalela ukuba bangatyi mpela kwizinto ezingcwele, kude kubekho umbingeleli obalungiselelayo *ngeeurim neethumim.

64. Bebonke babengamashumi amane anambini amawaka namakhulu amathathu anamashumi amathandathu,

65. ngaphandle kwamawaka asixhenxe anamakhulu mathathu, mashumi mathathu anesixhenxe ezicaka ezingamadoda nezibhinqileyo. Ngokunjalo babeneemvumi ezingamakhulu amabini amadoda nababhinqileyo.

66. Kananjalo babenamahashe angamakhulu asixhenxe mashumi mathathu nesithandathu; iimeyile ezingamakhulu amabini mashumi mane nesihlanu;

67. iinkamela zingamakhulu amane mashumi mathathu nantlanu; iidonki zona zisisithandathu samawaka, amakhulu asixhenxe mashumi mabini.

Uezra 2