5. Ke amaJuda ngekrele azigeqa kwajub' ugodo kwiintshaba zawo, azitshabalalisa ezenzela unothanda kwabo bawathiyileyo.
6. Kanti ke komkhulu eSusa amaJuda abulala atshabalalisa amakhulu amahlanu amadoda.
7. Abulala noPashandata, uDalefon, uAspata,
8. uPorata, uAdaliya, uAridata,
9. uPamashta, uArisayi, uAridayi, noVayezata,
10. ishumi loonyana bakaHaman unyana kaHamedata utshaba lwamaJuda. Ke amaJuda akawachukumisanga amaxhoba wona.
11. Inani lâbo bâbulawáyo komkhulu eSusa laxelwa kukumkani kwangaloo mini.
12. Ke ukumkani wathi kukumkanikazi uEstere: “AmaJuda abulele amakhulu amahlanu amadoda ndawonye neshumi loonyana bakaHaman komkhulu eSusa. Ngaba enze ntoni na kwamanye amaphondo kakumkani? Ngoku ke, sithini isicelo sakho? Ewe, woyenzelwa into oyifunayo! Sixele isicelo onaso, uya kusenzelwa.”
13. UEstere uphendule ngelithi: “Xa kukholekile kuwe, mhlekazi, wavumele amaJuda aseSusa asiqhube nangomso esi sihlokomiso sanamhlanje. Ke bona oonyana bakaHaman abalishumi mabaxhonywe emthini olungiselelwe oko.”
14. Ngenene ke ukumkani wayalela ukuba yenziwe yonke loo nto. Kwenziwa isihlokomiso eSusa, baza ke baxhonywa bolishumi oonyana bakaHaman.
15. Ngomhla weshumi elinesine kwinyanga uAdare ahlanganisana eSusa amaJuda, aza abulala amakhulu amathathu amadoda kwalapho eSusa. Kambe ke akawachukumisanga amaxhoba wona.
16. Kananjalo amaJuda awayekwamanye amaphondo kakumkani aqokelelana azikhusela azikhulula kwiintshaba zawo. Abulala iintshaba ezingamashumi asixhenxe anesihlanu samawaka. Kambe ke akawachukumisanga amaxhoba wona.