16. Kananjalo amaJuda awayekwamanye amaphondo kakumkani aqokelelana azikhusela azikhulula kwiintshaba zawo. Abulala iintshaba ezingamashumi asixhenxe anesihlanu samawaka. Kambe ke akawachukumisanga amaxhoba wona.
17. Le ntlekele ke yehla ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga uAdare, aza ke amaJuda aphumla ngomhla weshumi elinesine, olo yalusuku lwezidlo nemivuyo.
18. Kambe ke wona amaJuda aseSusa aqokelelana ngomhla weshumi elinesithathu noweshumi elinesine, aza ke ngomhla weshumi elinesihlanu aphumla, yalusuku lwawo lwezidlo nemivuyo.
19. Kungenxa yesi sizathu ke le nto amaJuda ahlala emaphandleni ezilalini ezingabiyelwanga ngodonga alukhethileyo usuku lweshumi elinesine lwenyanga uAdare elwenza umhla wemivuyo nezidlo, imini yeholide aphana ngayo izipho.
20. Ke kaloku uModekayi wazibhala ezi ziganeko, wathumela izaziso kuwo onke amaJuda akwiziphaluka zikakumkani uAsuwerosi, ezikude nezikufuphi,
21. ewayalela ukuba enze imibhiyozo minyaka le ngosuku lweshumi elinesine nolweshumi elinesihlanu kwinyanga uAdare.
22. Elo ibe lithuba lokukhumbula ukukhululeka kwamaJuda kwiintshaba zawo, inyanga apho usizi lwawo lwaguquka lwaba luvuyo, isingqala sawo sajika saba ngumhla wemibhiyozo. Wabhala ewakhuthaza ukuba ezo ntsuku azenze ithuba lezidlo nemivuyo, anikane izipho zokutya, abonelele namahlwempu ngezipho.
23. Ngoko ke amaJuda ayiqhuba loo mibhiyozo ayeseleyiqalile, enza ngokomyalelo obhalwe nguModekayi.
24. Kaloku uHaman unyana kaHamedata um-Agagi utshaba lwamaJuda wayewenzele iyelenqe amaJuda, efuna ukuwatshabalalisa, wada wenza ipuri (liqashiso ke elo) ukuze atshitshiswe.
25. Kodwa ke lithe lakuqondwa ngukumkani iyelenqe elo, wasuka wayalela ukuba kubhalwe izaziso zokutshitshisa icebo likaHaman lokutshabalalisa amaJuda, khon' ukuze isikhuni sibuye nomkhwezeli, ke yena noonyana bakhe baxhonywe emthini olungiselelwe oko.
26. Ngoko ke ezo ntsuku kwathiwa zezeePuri, bezibiza ngegama leqashiso. Ke kaloku ngenxa yako konke ekwakubhalwe kuloo leta, nangenxa yako konke awayekubonile noko kwawahlelayo,
27. amaJuda azibophelela ekulimiseleni eli siko lokuba wona, ndawonye nezizukulwana zawo, nabo bonke abazibandakanya nawo, soze aphazame ekubeni ezi ntsuku zimbini kunyaka ngamnye zibe zezemibhiyozo ngokwemigqalisela yexesha elimisiweyo.