Uestere 9:1-15 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku isihlokomiso somthetho kakumkani sasimiselwe ukuba sifezekiswe ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga yeshumi elinambini uAdare. Ngaloo mini iintshaba zamaJuda zazithembe ukuba ziya kuwabetha ziwavuthulule, kambe ke kwathi kanti zizinqikele ilitye elinobugqwangu, kuba amaJuda asuka azongamela iintshaba zawo.

2. AmaJuda aqokelelana kwizixeko zawo kuwo onke amaphondo aphantsi kolawulo lukakumkani uAsuwerosi, elungele ukuhlasela wonke umntu ofuna ukuwatshabalalisa. Akubangakho mntu unokumelana nawo, kuba bonke abantu bezinye iintlanga babenkwantya kukuwoyika.

3. Kanti ke futhi zonke izikhulu zamaphondo, iirhuluneli, abalawuli, namagosa kakumkani, babencedisa amaJuda, kuba bonke babengenelwe kukumoyika uModekayi.

4. Ngeli thuba uModekayi waba yimbalasane apho komkhulu, udumo lwakhe lwasuka lwathi ndii kuwo onke amaphondo, waya ethath' unyawo ngobuhandiba.

5. Ke amaJuda ngekrele azigeqa kwajub' ugodo kwiintshaba zawo, azitshabalalisa ezenzela unothanda kwabo bawathiyileyo.

6. Kanti ke komkhulu eSusa amaJuda abulala atshabalalisa amakhulu amahlanu amadoda.

7. Abulala noPashandata, uDalefon, uAspata,

8. uPorata, uAdaliya, uAridata,

9. uPamashta, uArisayi, uAridayi, noVayezata,

10. ishumi loonyana bakaHaman unyana kaHamedata utshaba lwamaJuda. Ke amaJuda akawachukumisanga amaxhoba wona.

11. Inani lâbo bâbulawáyo komkhulu eSusa laxelwa kukumkani kwangaloo mini.

12. Ke ukumkani wathi kukumkanikazi uEstere: “AmaJuda abulele amakhulu amahlanu amadoda ndawonye neshumi loonyana bakaHaman komkhulu eSusa. Ngaba enze ntoni na kwamanye amaphondo kakumkani? Ngoku ke, sithini isicelo sakho? Ewe, woyenzelwa into oyifunayo! Sixele isicelo onaso, uya kusenzelwa.”

13. UEstere uphendule ngelithi: “Xa kukholekile kuwe, mhlekazi, wavumele amaJuda aseSusa asiqhube nangomso esi sihlokomiso sanamhlanje. Ke bona oonyana bakaHaman abalishumi mabaxhonywe emthini olungiselelwe oko.”

14. Ngenene ke ukumkani wayalela ukuba yenziwe yonke loo nto. Kwenziwa isihlokomiso eSusa, baza ke baxhonywa bolishumi oonyana bakaHaman.

15. Ngomhla weshumi elinesine kwinyanga uAdare ahlanganisana eSusa amaJuda, aza abulala amakhulu amathathu amadoda kwalapho eSusa. Kambe ke akawachukumisanga amaxhoba wona.

Uestere 9