Uestere 7:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoko ke ukumkani kunye noHaman baya ethekweni likakumkanikazi uEstere.

2. Bathe ke besasela iwayini ngolo suku lwesibini, ukumkani waphinda wathi kuEstere: “Khawutsho, sithini na isicelo sakho, kumkanikazi Estere? Loo nto uyicelayo woyinikwa. Ucela ntoni ke? Woyenzelwa nantoni na, kude kuthi xhaxhe ngesiqingatha sombuso wam.”

3. Ke ukumkanikazi uEstere waphendula wathi: “Ukuba ndiyamkeleka kuwe, kumkani, ukuba kukholekile kuwe, ndincede usindise ubomi bam, uhlangule nabantu bakowethu, ndiyakucela.

Uestere 7