1. Kuthe ke ngosuku lwesithathu uEstere wavatha ezobukhosi, wangena phakathi enkundleni yasebhotwe, wema phambi kwendlu kakumkani. Ukumkani wayengqendeve esihlalweni sakhe sobukhosi apho kuloo ndlu, ejonge esangweni.
2. Uthe ke ukumkani, akubona uEstere emi apho enkundleni, waziva anelisekile akumjonga, waza ke wamkhomba ngentonga yakhe yolawulo yegolide awayeyiphethe. Wasondela ke uEstere, waza ke wachukumisa incam yaloo ntonga.
3. Ukumkani ke wathi kuye: “Ngaba ufuna ntoni, kumkanikazi Estere? Uze kucela ntoni? Nantoni na oyifunayo woyinikwa, kude kuthi xhaxhe ngesiqingatha sombuso wam.”
4. UEstere uphendule ngelithi: “Xa kukholekile kuwe, kumkani, ndicela ukuba wena ndawonye noHaman niye ethekweni endinilungiselele lona namhlanje.”
5. Ke ukumkani wathi: “Khawulezani nibize uHaman eze apha, ukuze senze ngokwesicelo sikaEstere.”Ngoko ke ukumkani ekunye noHaman baya kwelo theko babelilungiselelwe nguEstere.
6. Xa basela iwayini ke ukumkani wabuza kuEstere wathi: “Khawutsho, sithini isicelo sakho? Loo nto uyicelayo woyinikwa. Ufuna ndikwenzele ntoni? Woyenzelwa nantoni na, kude kuthi xhaxhe ngesiqingatha sombuso wam.”
7. Ke uEstere uphendule ngelithi: “Nasi isicelo nesikhungo sam.
8. Ukuba ngenene ndamkelekile kukumkani, ezimisele ukwenza ngokwesicelo sam, ukumkani ndawonye noHaman ngomso mabeze kwitheko endibalungiselele lona. Ngelo thuba ke ndowuphendula lo mbuzo awubuzayo ukumkani.”