Uestere 4:12-16 Ibhayibhile (XHO96)

12. Akuba uModekayi exelelwe ngamazwi kaEstere,

13. wabayalela ukuba bamphendule uEstere bathi: “Uze ungazikhohlisi ngokuthi kuba wena ulapho endlwini kakumkani, nguwe wedwa oya kusinda kumaJuda xa ewonke.

14. Kaloku xa uthe wathula wee cwaka ngeli thuba lentlekele, hleze luvele lona usindiso lwamaJuda, kodwa ke luthi gqi ngankalo yimbi, ube ke phofu wena nendlu kayihlo uza kutshabalala. Kambe ke, ngubani owaziyo, mhlawumbi wabekwa kwesi sikhundla sasebukhosini khon' ukuze ujongane namaxesha anje.”

15. Ke uEstere wathumela le mpendulo kuModekayi:

16. “Hamba uye kuwaqokelela onke amaJuda alapha kwesi sixeko saseSusa, xa ninonke nenze inzila ngenxa yam. Ze nithathe iintsuku ezintathu ningatyi ningaseli imini nobusuku. Nam ndikunye neempelesi zam siza kuzila kwenjengani. Yakuba yenzekile ke le nto, ndiza kuya kukumkani, nakuba nje ndisazi ukuba loo nto kukwaphula umthetho. Noko ke, ukuba ndifile, ndifile ke!”

Uestere 4