Uestere 4:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku akuyiva into ehlileyo uModekayi wazikrazula iimpahla awayezinxibile, wafaka ezirhwexayo, wazigalela ngothuthu, wangena esixekweni ehamba ebhomboloza kabuhlungu.

2. Wahamba wee xhaxhe ngamasango asebhotwe, kuba wayengavumelekanga ukungena khona umntu onxibe ezirhwexayo.

3. Kuwo onke amaphondo apho safikelela khona esi saziso somyalelo kakumkani amaJuda alila ezimathontsi, azila ukutya, atsho ngesingqala, enxibe ezirhwexayo, ezigalele ngothuthu.

4. Zithe ke iimpelesi zikaEstere ndawonye namaphakathi zakumxelela ngoModekayi wasuka wabandezeleka. Wathumelela uModekayi iimpahla zokunxiba, koko yena wasuka wazimangala.

5. Ke uEstere wathumela uHataki iphakathi likakumkani elalijongene naye ukuba liye kuqonda ukuba wayekhathazwe yintoni na uModekayi.

6. UHataki lowo ke waya apho kuModekayi ebaleni lesixeko phambi kwesango lakomkhulu.

7. UModekayi wamchubela konke okwakwenzekile, ndawonye nemali leyo yayiza kufakwa nguHaman koovimba bakomkhulu ukuze kutshatyalaliswe amaJuda.

8. Kananjalo ke wamnika nekopi yaloo mthetho wawuyalela ukutshatyalaliswa kwamaJuda, lowo wawubhengezwe eSusa, ukuze awubonise uEstere, amchazele konke, futhi ambongoze ukuba azame ukuya kubonana nokumkani, amcenge abe nebuya-mbo mayela nabantu bakowabo.

9. Ke uHataki wabuya wenza ingxelo kuEstere ngako konke okwakuthethwe nguModekayi.

10. UEstere ke wayalela uHataki ukuba athi kuModekayi:

Uestere 4