Uestere 3:3-10 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ke izicaka zikakumkani ezazilapho esangweni zabuza uModekayi zathi: “Ngani ukuba wena ungawuthobeli umyalelo kakumkani?”

4. Mihla le zazithetha naye ngale nto, kodwa yena engavumi ukuthobela loo myalelo. Ngoko zamxelela uHaman ngoModekayi lowo, zifuna ukuqonda ukuba sonyanyezelwa na eso simo sikaModekayi, njengoko wayezixelele ukuba yena ungumJuda.

5. UHaman akuqonda ukuba uModekayi akavumi ukuguqa akhahlele kuye, wasuka wanomsindo.

6. Kodwa wathi, akuluqonda uhlanga lukaModekayi, akayithanda into yokuba abulale uModekayi yedwa. Ngoko ke uHaman wazama indlela yokulutshabalalisa lonke uhlanga lukaModekayi – amaJuda – kubo bonke ubukumkani buka-Asuwerosi.

7. Kuthe ke kunyaka weshumi elinambini kakumkani uAsuwerosi, ngenyanga yokuqala uNisan, kwenziwa ipuri (liqashiso ke elo), kukhethwa usuku nenyanga. Elo qashiso ke laphuma nenyanga yeshumi elinambini uAdari.

8. UHaman wathetha nokumkani uAsuwerosi wathi: “Kukho uhlanga oluthe saa phakathi kwabantu bonke kuwo onke amaphondo ombuso wakho. Aba bantu bahleli bezikhethile kwabanye abantu. Amasiko abo ahlukile kuwo onke awabanye abantu, nemithetho kakumkani abayithobeli. Ngoko ke asinto intle ukuba ukumkani abanyamezele aba bantu.

9. Xa kukholekile kuwe, kumkani, makubhalwe phantsi batshatyalaliswe. Ke mna ndiza kukhupha iikhilogram zesiliva ezingaphezu kwamakhulu amathathu anamashumi amane amawaka, ndizinikezele ezandleni zabagcina oovimba bakomkhulu, ukuze zigcinwe kubo.”

10. Ngoko ke ukumkani wakhupha umsesane wakhe emnweni, wawunika uHaman unyana kaHamedata um-Agagi owayelutshaba lwamaJuda.

Uestere 3