Uestere 1:6-17 Ibhayibhile (XHO96)

6. Lo myezo ke wawuhonjisiwe, uqhelezela, kujinga amalaphu amhlophe naluhlaza. La malaphu ayeqhinwe ngemisonto emhlophe nemfusa, ebotshelelwe kumakhonkco esiliva anxityelelwe kwiintsika ezakhiwe ngelitye elimhlophe lemabhula. Kwakukho nezitulo ezimfuma-mfuma zegolide nesiliva, zikwinkundla eyandlalwe ngamatye abomvu, namhlophe, nabengezelayo, namanye angamabala-bala.

7. Kwathungwa iwayini kwiindebe zegolide iyileyo yahlukile kwenye, yabe ke newayini leyo ingeninzi izizantyala-ntyala ngokwezinwe zikakumkani.

8. Ngokomyalelo kakumkani ke wonke umntu kwezo ndwendwe wavunyelwa ukuba ayisele ngendlela yakhe, njengoko ukumkani wayeyalele iinjoli zewayini ukuba zithungele umntu ngamnye ngangoko afuna ngako.

9. Ke kaloku nokumkanikazi uVashiti wenzela amakhosikazi itheko kwalapho ebhotwe kwakumkani uAsuwerosi.

10. Kuthe ke ngosuku lwesixhenxe, xa kanye ukumkani uAsuwerosi wayenomqhele yiwayini, suka wabiza amaphakathi akhe asebhotwe asixhenxe: uMehuman, uBhizeta, uHabhona, uBhigeta, uAbhageta, uZetare, noKakasi.

11. Wona wawayalela ukuba ezise ukumkanikazi uVashiti, ammise phambi kwakhe evathile, ethwele iqhiya yobukumkanikazi, khon' ukuze aqhayise ngobo bunzwakazi bakhe ebantwini ndawonye nezikhulu zakhe. Kaloku wayeyinzwakazi ethi ndijonge.

12. Kambe ke amaphakathi lawo athe akuwudlulisa loo myalelo kakumkani, suka ukumkanikazi uVashiti wala ukuza. Hayi ke, yeka ukuvutha kukakumkani ngumsindo.

13. Njengoko yayilisiko ukuba ukumkani athetha-thethane neengcali kwimicimbi yomthetho nobulungisa, naye ke wadlan' iindlebe namadoda azizilumko awuqondayo umthetho,

14. engawona ayintong' esekhosi kakumkani: uKashena, uShetare, uAdemata, uTashishe, uMeresi, uMasena, noMemukan. La madoda asixhenxe ayezizikhulu zamaPeshiya namaMedi, esondele ngendlela eyodwa kukumkani, futhi ekwezona zikhundla ziphambili apho embusweni.

15. Ukumkani wabuza wathi: “Ngokomthetho makwenziwe ntoni ngokumkanikazi uVashiti? Kaloku yena akawuthobelanga umyalelo kakumkani uAsuwerosi awuxelelwe ngamaphakathi.”

16. Ke uMemukan wamphendula ukumkani lowo zikho nezinye izikhulu, wathi: “Ukumkanikazi uVashiti lo akonanga ukumkani kuphela, koko uzonile zonke izikhulu nabo bonke abantu bamaphondo onke kakumkani uAsuwerosi.

17. Ngoko ke esi simo sokumkanikazi siza kwaziwa ngabo bonke abanye abafazi, baze ke nabo bawadele amadoda abo, besithi: ‘Nkqu nokumkani uAsuwerosi ngokwakhe wathi akuyalela ukuba ukumkanikazi uVashiti eziswe phambi kwakhe wasuka wala ukumkanikazi ukuza.’

Uestere 1