2. Ikomkhulu likakumkani uAsuwerosi lowo lalisebhotwe eSusa.
3. Ke kaloku kunyaka wakhe wesithathu elawula wenza itheko ewonga izikhulu namaphakathi akhe. Kwelo theko ke zazikho neengqwayi-ngqwayi zomkhosi wamaPeshiya namaMedi, kunye namatshawe nezikhulu zamaphondo.
4. Yaba ziintsuku ezininzi ezilikhulu elinamashumi asibhozo esenza umboniso ngaloo ntaphane yobutyebi bombuso wakhe kunye nobukhazikhazi bobungangamsha nobuhandiba bakhe.
5. Zithe ke zakuphela ezo ntsuku, ukumkani wenza elinye itheko elathatha isixhenxe seentsuku, lona elenzela kumyezo ongaphakathi apho ebhotwe. Lona ke wayelenzela umntu wonke, kusukela koyena uphantsi kuye koyena mkhulu, bonke ababelapho kwibhotwe laseSusa.
6. Lo myezo ke wawuhonjisiwe, uqhelezela, kujinga amalaphu amhlophe naluhlaza. La malaphu ayeqhinwe ngemisonto emhlophe nemfusa, ebotshelelwe kumakhonkco esiliva anxityelelwe kwiintsika ezakhiwe ngelitye elimhlophe lemabhula. Kwakukho nezitulo ezimfuma-mfuma zegolide nesiliva, zikwinkundla eyandlalwe ngamatye abomvu, namhlophe, nabengezelayo, namanye angamabala-bala.
7. Kwathungwa iwayini kwiindebe zegolide iyileyo yahlukile kwenye, yabe ke newayini leyo ingeninzi izizantyala-ntyala ngokwezinwe zikakumkani.
8. Ngokomyalelo kakumkani ke wonke umntu kwezo ndwendwe wavunyelwa ukuba ayisele ngendlela yakhe, njengoko ukumkani wayeyalele iinjoli zewayini ukuba zithungele umntu ngamnye ngangoko afuna ngako.
9. Ke kaloku nokumkanikazi uVashiti wenzela amakhosikazi itheko kwalapho ebhotwe kwakumkani uAsuwerosi.
10. Kuthe ke ngosuku lwesixhenxe, xa kanye ukumkani uAsuwerosi wayenomqhele yiwayini, suka wabiza amaphakathi akhe asebhotwe asixhenxe: uMehuman, uBhizeta, uHabhona, uBhigeta, uAbhageta, uZetare, noKakasi.
11. Wona wawayalela ukuba ezise ukumkanikazi uVashiti, ammise phambi kwakhe evathile, ethwele iqhiya yobukumkanikazi, khon' ukuze aqhayise ngobo bunzwakazi bakhe ebantwini ndawonye nezikhulu zakhe. Kaloku wayeyinzwakazi ethi ndijonge.
12. Kambe ke amaphakathi lawo athe akuwudlulisa loo myalelo kakumkani, suka ukumkanikazi uVashiti wala ukuza. Hayi ke, yeka ukuvutha kukakumkani ngumsindo.