12. Kambe ke amaphakathi lawo athe akuwudlulisa loo myalelo kakumkani, suka ukumkanikazi uVashiti wala ukuza. Hayi ke, yeka ukuvutha kukakumkani ngumsindo.
13. Njengoko yayilisiko ukuba ukumkani athetha-thethane neengcali kwimicimbi yomthetho nobulungisa, naye ke wadlan' iindlebe namadoda azizilumko awuqondayo umthetho,
14. engawona ayintong' esekhosi kakumkani: uKashena, uShetare, uAdemata, uTashishe, uMeresi, uMasena, noMemukan. La madoda asixhenxe ayezizikhulu zamaPeshiya namaMedi, esondele ngendlela eyodwa kukumkani, futhi ekwezona zikhundla ziphambili apho embusweni.
15. Ukumkani wabuza wathi: “Ngokomthetho makwenziwe ntoni ngokumkanikazi uVashiti? Kaloku yena akawuthobelanga umyalelo kakumkani uAsuwerosi awuxelelwe ngamaphakathi.”
16. Ke uMemukan wamphendula ukumkani lowo zikho nezinye izikhulu, wathi: “Ukumkanikazi uVashiti lo akonanga ukumkani kuphela, koko uzonile zonke izikhulu nabo bonke abantu bamaphondo onke kakumkani uAsuwerosi.