1. Ezi ziziganeko zexesha likakumkani uAsuwerosi, ukumkani owayelawula amaphondo alikhulu elinamashumi amabini anesixhenxe, eqalela eIndiya, athi xhaxhe ngeKushe.
2. Ikomkhulu likakumkani uAsuwerosi lowo lalisebhotwe eSusa.
3. Ke kaloku kunyaka wakhe wesithathu elawula wenza itheko ewonga izikhulu namaphakathi akhe. Kwelo theko ke zazikho neengqwayi-ngqwayi zomkhosi wamaPeshiya namaMedi, kunye namatshawe nezikhulu zamaphondo.
4. Yaba ziintsuku ezininzi ezilikhulu elinamashumi asibhozo esenza umboniso ngaloo ntaphane yobutyebi bombuso wakhe kunye nobukhazikhazi bobungangamsha nobuhandiba bakhe.
5. Zithe ke zakuphela ezo ntsuku, ukumkani wenza elinye itheko elathatha isixhenxe seentsuku, lona elenzela kumyezo ongaphakathi apho ebhotwe. Lona ke wayelenzela umntu wonke, kusukela koyena uphantsi kuye koyena mkhulu, bonke ababelapho kwibhotwe laseSusa.