Udaniyeli 3:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ukumkani uNebhukadenezare wenza umfanekiso ngegolide. Ukuphakama wawuziimitha ezimashumi mabini anesixhenxe; ukwisithuba seemitha ezintathu ububanzi. Wawumisa kwithafa laseDura kwalapho esithilini saseBhabheli.

2. Akuba ewenzile wazihlanganisela kuye iirhuluneli, nabaphathiswa, nabalawuli, nabacebisi, noonondyebo, nabagwebi, noomantyi, nawo onke amanye amagosa ombuso eso sithili. Wayewabizela ukusungula loo mfanekiso wayewumisile.

3. Bakuba behlanganisene ke oozirhuluneli aba, nabaphathiswa, nabalawuli, nabacebisi, noonondyebo, nabagwebi, noomantyi, nawo onke amanye amagosa eso sithili, beze kulo msitho wokusungula umfanekiso omiswe ngukumkani uNebhukadenezare, bema xhonkxosholo apho phambi kwawo.

4. Ke isigidimi sadanduluka simemeza sisithi: “Nina zizwe xa ninonke, iintlanga nazo zonke iilwimi,

5. ze nithi nakuva isandi sesigodlo, ixilongo, umrhubhe, ikatala, ihapu, impempe, nazo zonke ezinye iintlobo zezixhobo zomculo, ewe, xa ninonke mayithi nje yakuqala loo ngoma, nithi guqaqa nikhahlele ninqule lo mfanekiso umiswe ngukumkani uNebhukadenezare!

6. Kambe ke nabani na ongakhahlelanga anqule, ngoko nangoko uya kuthathwa aphoswe kwiziko elidangazela umlilo.”

7. Ngenene ke sathi sakuvakala eso sandi sesigodlo, nexilongo, nomrhubhe, nekatala, nehapu, nazo zonke ezinye iintlobo zezixhobo zomculo, wonke umntu nazo zonke izizwe iintlanga neelwimi, xa bebonke bee waca bakhahlela banqula loo mfanekiso wegolide wawumiswe ngukumkani uNebhukadenezare.

8. Ngeli thuba ke amaKaledi athile amangalela inxenye yamaJuda.

9. Abhekisa kukumkani uNebhukadenezare, athi: “Bayethe, mhlekazi! Phila ngonaphakade!

10. Wena uwise umthetho wokuba ze kuthi kusakuvakala isandi sesigodlo, ixilongo, umrhubhe, ikatala, ihapu, impempe, nazo zonke ezinye izixhobo zomculo, wonke umntu akhahlele anqule umfanekiso wegolide.

11. Watsho nokuthi umntu ongakhahlelanga anqule lo mfanekiso uya kuthathwa aphoswe kwiziko elidangazela umlilo.

12. Ke, mhlekazi, kukho amaJuda athile wena owawamisayo angoomaqhuzu kwimicimbi yesi sithili saseBhabheli – abo nguShedreki, uMeshaki, noAbhednigo – abo kanye ke, mhlekazi, abakuhoyanga. Ewe, ababanquli oothixo bakho, bengakhahleli nakulo mfanekiso uwumisileyo.”

Udaniyeli 3