8. AmaSirayeli ahamba ezandlala kumaqonga ngamaqonga,etsho ngezambatho azithimbileyo,endlwini yothixo wawo asele iwayini ayithathe kubantu abadliweyo.
9. “Ndim kaloku owawatshabalalisayo ama-Amori phambi kwamaSirayeli –nditsho eziya ngxilimbela zibude bunga ngumthi womsedare,nokomelela kunga ngum-oki,ndazitshabalalisa iziqhamo zawo phezulu,ndazisiphula iingcambu ezantsi.
10. Ndim owanikhupha eJiputa,ndanikhapha amashumi amane eminyaka nisentlango,nada naya kuhlutha umhlaba wama-Amori.
11. Ndim owenza abanye boonyana benu baba *ngabashumayeli,abanye baba ngamalolo kaNdikhoyo?Akunjalo yini na, bonyana bakaSirayeli?”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.
12. “Loo malolo nina niwangxale iwayini,*kubashumayeli nathi: ‘Musani ukushumayela.’
13. “Mna ke ndiza kunenza nixinge apho nikhoyo,oku kwenqwelo exinga kukuzala zizithungu.
14. Akuyi kusinda noyena unamendu umntu,nezigantsontso ziya kutsho ziphelelwe ngamandla,ikroti lingabi nako ukusindisa ubomi balo,
15. kunkwantye nkqu neencutshe zeentolo,imbaleki ingabi nakuphuncuka,kungasindi nokhwele ehashini.
16. Ewe, nelona laziwayo igorha liya kuswantsula zé ngaloo mini.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.