Kwabaseroma 9:4-10 Ibhayibhile (XHO96)

4. AmaSirayeli la kaloku uThixo wawenza oonyana bakhe, wabubonakalisa kuwo nobuqaqawuli bakhe. Wenza iminqophiso nawo, wawanika umthetho neyona ndlela yonqulo, wawenzela kwanezithembiso.

5. Ayinzala *yamanyange, kwaye kuwo kwavela uKrestu ngokobuntu, yena owongamela konke, ongulo Thixo omakadunyiswe ngonaphakade. *Amen.

6. Le nto ke ayithethi kuthi ilizwi likaThixo lona ngokwalo litshitshile. Asingabo bonke kaloku abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli ncam.

7. Kananjalo asingabo bonke abazelwe nguAbraham abayinzala yakhe ncakasana. Kaloku uThixo wathi kuAbraham: “Inzala yakho ncam iya kuphuma kunyana wakho uIsake.”

8. Loo nto ithetha ukuthi asingabo bonke abantwana abazeleyo uAbraham abangabantwana bakaThixo. Hayi, ngabantwana besithembiso kuphela ababalelwa ekubeni bayinzala ncam.

9. Kaloku isithembiso sênziwa nguThixo ngala mazwi athi: “Ngexesha elifanelekileyo ndiya kukuvelela, waye ke uSara uya kuzala unyana.”

10. Ukuqhubela phambili mandithi: Uyise wamawele kaRabheka wayemnye, inguIsake ubawo wethu.

Kwabaseroma 9