4. Kukwanjalo ke nakuni, mawethu. Ngokumanywa nomzimba kaKrestu nani nafa ngokubhekiselele kumthetho kaMosis, ukuze nibe ngabomnye, ongulo Krestu ke owavuswa kwabafileyo. Le nto ke ibanga ukuba sibe nokumsebenzela uThixo.
5. Kaloku ngokuya sasisidla ubomi, ngokweyethu intando, iinkanuko ezimbi ezivuselelwa ngumthetho zazilawula emizimbeni yethu, sisebenzela ukufa.
6. Ke, ekubeni safayo nje ngokubhekiselele kwezo zinto zazisilawula, sikhululekile ngoku emthethweni. Ngenxa yoko asisakhonzi ngendlela endala yomthetho obhaliweyo, kodwa sikhonza ngendlela entsha yoMoya.
7. Ndithini ke xa nditshoyo? Ngaba ndithi umthetho usisono? Nakanye! Kodwa ke ngendingasazanga isono ukuba ubungekho umthetho. Kaloku nenkanuko ngendingayazanga ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi: “Uze unganqweneli...”
8. Isono ke sizuze ikroba ngawo lo mthetho, sandivusela yonke inkanuko. Kaloku xa kungekho mthetho, isono sifile.
9. Mna ke bendifudula ndiphila ungekho umthetho. Uthe ke wakufika umthetho, savuka isono,
10. ndafa ke mna; waza umthetho owawumiselwe ukuzisa ubomi, wafumaneka inguwona undisa ekufeni.
11. Kuba kaloku isono sizuze ikroba ngawo lo mthetho, sandilukuhla, sandibulala ngawo.
12. Okunene umthetho ungcwele; nomyalelo ungcwele, unobulungisa, ulungile.
13. Umthetho ulungile nje, ungaba kukufa kum? Nakanye! Sisono esaba kukufa kum. Sona sisebenzise into elungileyo ukundizisela ukufa, saza ke sacaca into esiyiyo, khon' ukuze ngomthetho isono sibonakale sisisono ngakumbi nangakumbi.