Kwabaseroma 7:10-18 Ibhayibhile (XHO96)

10. ndafa ke mna; waza umthetho owawumiselwe ukuzisa ubomi, wafumaneka inguwona undisa ekufeni.

11. Kuba kaloku isono sizuze ikroba ngawo lo mthetho, sandilukuhla, sandibulala ngawo.

12. Okunene umthetho ungcwele; nomyalelo ungcwele, unobulungisa, ulungile.

13. Umthetho ulungile nje, ungaba kukufa kum? Nakanye! Sisono esaba kukufa kum. Sona sisebenzise into elungileyo ukundizisela ukufa, saza ke sacaca into esiyiyo, khon' ukuze ngomthetho isono sibonakale sisisono ngakumbi nangakumbi.

14. Siyazi ke ukuba umthetho ngowoMoya kaThixo, kodwa mna ndiyinyama negazi; ndiphantsi kwegunya lesono.

15. Into endiyenzayo yinkohla kum, kuba kaloku into endithanda ukuyenza andiyenzi, ukanti ndiyayenza endiyithiyileyo.

16. Xa ke ndisenza into endiyithiyileyo, kucacile ukuba ndiyavuma ukuthi umthetho ulungile.

17. Ngoko ke ayisendim owenza loo nto ndingayithandiyo, koko sisono esihleli kum esenza loo nto.

18. Ndiyazi ukuba akuhlali nto ilungileyo kum – nditsho kwisimo sam esonakeleyo – kuba kaloku umnqweno wokwenza into elungileyo ukho kum, kodwa ukwenza andinako.

Kwabaseroma 7