Kwabaseroma 7:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mawethu, ndithetha nabantu abawaziyo umthetho welakowethu; niyazi ukuba umntu uphantsi kwegunya lomthetho kuphela ngeli xesha adla ubomi ngalo.

2. Kaloku umfazi owendileyo ubotshelelwe ngumthetho endodeni yakhe, eli lixa idla ubomi; kodwa ukuba ithe yafa indoda, ukhululekile kuwo umthetho ombophelela endodeni yakhe.

3. Ngoko ke, ukuba umfazi uthe waba ngowenye indoda isaphila indoda yakhe, kothiwa ungumkrexezi. Kodwa ke ukuba ithe yafa indoda yakhe, woba ukhululekile emthethweni, aze angabi ngumkrexezi ukuba uthe waba ngowenye indoda.

4. Kukwanjalo ke nakuni, mawethu. Ngokumanywa nomzimba kaKrestu nani nafa ngokubhekiselele kumthetho kaMosis, ukuze nibe ngabomnye, ongulo Krestu ke owavuswa kwabafileyo. Le nto ke ibanga ukuba sibe nokumsebenzela uThixo.

5. Kaloku ngokuya sasisidla ubomi, ngokweyethu intando, iinkanuko ezimbi ezivuselelwa ngumthetho zazilawula emizimbeni yethu, sisebenzela ukufa.

Kwabaseroma 7