Kwabaseroma 4:18-23 Ibhayibhile (XHO96)

18. UAbraham wakholwa, wathemba, naxa ithemba lalingekho. Wakholwa okokuba woba “nguyise wezizwe ezininzi,” njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Iya kuba ngako ke inzala yakho ukuba ninzi kwayo.”

19. Wayemayela nekhulu leminyaka ezelwe, kodwa akatyhafanga elukholweni akucinga ngokwaluphala kwakhe nangobudlolo bukaSara.

20. Hayi, akasithandabuzanga isithembiso sikaThixo ngokungakholwa; waya esomelela elukholweni, embonga uThixo,

21. eqinisekile ukuba uThixo unako ukukwenza oko akuthembisileyo.

22. Kungoko “wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.”

23. La mazwi athi “wabalelwa ekubeni lilungisa” akabhekisi kuye yedwa.

Kwabaseroma 4