18. UAbraham wakholwa, wathemba, naxa ithemba lalingekho. Wakholwa okokuba woba “nguyise wezizwe ezininzi,” njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Iya kuba ngako ke inzala yakho ukuba ninzi kwayo.”
19. Wayemayela nekhulu leminyaka ezelwe, kodwa akatyhafanga elukholweni akucinga ngokwaluphala kwakhe nangobudlolo bukaSara.
20. Hayi, akasithandabuzanga isithembiso sikaThixo ngokungakholwa; waya esomelela elukholweni, embonga uThixo,
21. eqinisekile ukuba uThixo unako ukukwenza oko akuthembisileyo.
22. Kungoko “wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.”
23. La mazwi athi “wabalelwa ekubeni lilungisa” akabhekisi kuye yedwa.