13. Yinto ebolileyo intetho yabo;ngeelwimi zabo bahlala bekhohlisa.Amazwi emilebe yabo abubuhlungu benyoka;
14. umlomo wabo uzele zizishwabulo ezikrakra.
15. Bakungxamele ukuphalaza igazi;
16. yimbuqe nosizi emkhondweni wabo;
17. yona indlela yoxolo abayazanga;
18. ewe, abamoyiki konke uThixo.”
19. Siyazi ke ukuba konke okuthethwa ngumthetho, kuwiselwa abaphantsi komthetho; ukuze bonke basikwe umlomo, nehlabathi lonke lifumaneke linetyala kuThixo.
20. Kaloku akukho mntu uya kuba lilungisa kuThixo ngakugcina kwakhe umthetho; into eyenziwa ngumthetho kukwazisa abantu ngesono.